lirikcinta.com
a b c d e f g h i j k l m n o p q r s t u v w x y z 0 1 2 3 4 5 6 7 8 9 #

lirik lagu ngento anayo – maxhoseni

Loading...

chorus

ng-nt- anayo umntu uyaqhayisa
ngalow’usokolayo isityebi siyahlekisa
indod’etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa
ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa

verse 1

indoda xa libilil’ibunzi layo
ziyalosul’iintshaba zayo
ukuze kwelo bunzi ingabi nanto iyityayo
indoda engenazo
iintshaba kweli lizwe limagada ahlabayo
inqabile okwe presenter engu mkhwetha
abantu kweli lizwe bazincutshe zokuthetha
amazw’atyhafisayo
ebantwin’abazamayo
ukuba kwi siziba esinzulu uyantywila
abantu ezovuyo inyembezi bayaz’lila
abanye xa imoto engu mnyobo uyiqhuba
eyabo iminqweno yeyo kuba
usutywe kukufa
ukuz’abak’thandayo bashiyek’imiphefumlo ixhelekile
iintliziyo zoph-kile
inkaw’ityiw’ilila
ozamayo kweli lizwe bayam-k!ller
yonk’imisebenzi ayenzayo seyincomeka bayagxeka
xa bembona entlitheka bayahleka
ukuz’aphel’amandla acand’ithafa loku tyhafa
azibone sel’engumntu ongena kamva
ang-yibon’ayiphilelayo
azikhoboze ngobutywala bukrobokayo
ngenxa yok-mane etyhafiswa ziintshaba
azibone sel’ezimanya nez’gigaba
ezizo menza anabele uqaqaqa
inxeba leny’indoda kweli lizwe liyahlekwa
izintw’ezincomekayo ziyagxekwa
inxeba leny’indoda kweli lizwe liyahlekwa

chorus

ng-nt- anayo umntu uyaqhayisa
ngalow’usokolayo isityebi siyahlekisa
indod’etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa
ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa

verse 2

indoda xa iwile yantlitheka
iphakama seyijingxela
zon’iintshaba sezihleka
ukub’inentliziyo ka nozala
xa intshaba ziyinxwala iyagxwala
ngamanye amaxesha xa imvula ziyinetha
intliziyo nomphefumlo zixheleka
ide ilile izulise ith’amehlo abilile
ukuba kweli lizwe like udaddy u-achieve(ile)
abantu basoloko benqwenela ukuva ukuba
usutywe kukufa wabhubha kuba
ngumona bayaqhutywa
indoda ezamayo
abantw’abayizondayo
ingcwaba bayigrumbela isaphila
inkaw’ityiw’ilila
iintshaba zonwabile ziyatshambaza
kuba ozamayo zimhlasele zamlimaza
indoda ngenxa yokubila isoma
kwii ntshaba isoloko ilixhoba
ukuba kwi siziba ziyifakile intshaba
abantu boyihlangula bayanqaba
usizi alutyiwa ozamayo uyakhilwa
iintshaba zisoloko ziqulunqa
iyelenqe lok’bhukuqa
umnt’ozimisele ekwenzeni
zonk’izinto ezimthumel’ekukhanyeni
iintshaba kweli lizwe zisoloko zihlasela
indoda ezamayo neyenz’imisebenz’encomekayo

chorus

ng-nt- anayo umntu uyaqhayisa
ngalow’usokolayo isityebi siyahlekisa
indod’etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa
ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa

lirik lagu lainnya :

YANG LAGI NGE-TRENDS...

Loading...